umama nosani
QpheI limpwu okugogek
Ngaba usana lwam lukhula ngokufanelekileyo nje? Io ngumbuzo abad!a
ngokuzibuza wona oomama - ngoko phe!isa Ie nkxalabo ngokuqwalasela ezi
zinto zilande!ayo
I
 nkoliso yeentsana zikuthanda kunene ukujiwuzwa okanye
ukudlaliswa ngezinto zokudlala -ngoko xa usana lusoloko
Jungabonakalisi mdla xa ludlaliswa kudla ngokubakhathaza oko abazali. Noxa abanlwana bengakhuti ngesantya esifanayo, kodwa zikho iimpawu ezisisilumkiso ofanele uzazi.
Ukukhuia kwezihlunu zosana nokukwazi kwalo ukulungelelanisa izinto kuvavanywa kane kunyaka walo wokuqala - emva kokuzalwa
ngugqirha wababantwana ukuba usesibhedlete, xa Juveki ntandathu, xa lunyanga ntathu naxa luneenyanga ezintandathu ngugqirha wabanIwana okanye umongikazi waseklinikhi. Qiniseka ukuba aluphoswa lolu vavanyo usana lwakho. Lubaluleke kakhulu kuba usana Iukhula ngesantya kunyaka walo wokuqala kwaye naluphi na uncedo lonyango lusebenza kakuhle xa ingxaki ibonwe kamsinya.
Uninzi loomama Iuyabona xa kukho undonakele kwiintsana zabo.
Ngokomzekelo umama unokubona xa usana lwakhe lungeva okanye Iunomzimba ondyengelele. Oomama kufuneka bazisukumele izinto abangaziqondio ngeentsana zabo bazame ukufumana iinkcukacha ezithe vetshe xa kukho ngxaki bayirhanelayo.
Ungamhoyi umntu othi, lza kulunga okanye othi Yobuye iziphelele Ie nto. Nazi iimpawu ekufuneka uzilumkele:
 Usana Iwakho alukujongi emehlweni nokuba uluphethe kakuhle
124 BONA XHOSA - April 2000


wayisekela intloko yalo Lusoloko lutshoba lungonwaDanga
Alutyi ngokufanelekieyo Lukuginya nzima ukutya Alufane luncume nokuba
uyaludlalisa
- Umzimba walo undyengelele Umzimba walo uqine kakhulu
nomqolo uthe fongqo
Alunavumba lwabusana. Mhlawumbi uyanuka umphefumlo walo okanye umchamo walo unevumba elingaqhelekanga
Lothuka kakhulu xa lubona izinto okanye lusiva izandi
Aluvarii nento eluchukumisayo. Lutsho esikrakra nokuba nje ngamanzi ehla kumzimba walo, okanye mhlawumbi aiukuthandi ukuhlikihlwa
Lusoloko lushukuma okanye alushukumi kwaphela
Lubonakalisa ukoyika xa ulujiwuza okanye ulugungqisa
Luneenyanga ezilishumi kodwa alugaqi (phofu ke zikho iintsana ezithi ziphilile zfngagaqi tu, kodwa iintsana ezidla ngokuba neengxaki ngokuhamba kwexesha zezo zingakhange zigaqe ekukhuleni kwazo)
Alubonakalisi kuziva izandi Lubonakalisa ukungathandi okanye uouhlungu xa ululalisa ngesisu
- Lufuna ukulala ngecala Lasekunene kuphela okanye elasehlokho kuphela
Alukhuli ngokufanelekileyo lntloko yalo incinane kakhulu Alukuthandi ukudlala.
Zithathele ingqalelo ezi mpawu uyiqwalasele imeko yosana lwakho ukuze uqinisekise ukuba ingxakana engephi ayigqibeli sele iyingxaki enkulu. Ngokomzekelo, xa usana iwakho Iungabonakalisi kuziva izandi, kungenzeka ukuba lunengxaki yokungeva, nto Jeyo inokuchaphazela ukukhula kwengqondo nomzimba. Untwana ongeva kakuhle akanakukufunda ukuthetha.


YiNtoni ebangela ukugogeka?
Siyazi ukuba ezona ndidi zokugogeka eziqhelekileyo zezi: ukungasebenzi kakuhle kwentliziyo; ukungemi ngendiela kwamalungu omzimba; ukungeva, iDown syndrome; isifo sengqondo esenza umntwana afune ukuhlala yedwa angadibani nezinto ezikhoyo nokungabi nangqondo kakuhle.
Noxa kunjalo asikwazi ukuba kubangeJwa yintoni ukugogeka
ubukhulu becaia. Kwesibaziyo oonobangela kukho ufuzo -ngokomzekelo iDown syndrome ebangelwa ziichromosome ezithe chatha kunezo zifunekayo. Abanye zizifo, utywala okanye ukusebenzisa amayeza athile xa ukhulelwe. lintsana ezizalwa ngaphambi kwexesha nezizalwa zincinane kakhulu zisesichengeni sokugogeka.
Usana lusengenzakaia naxa lubelekwa kusetyenziswa iiforceps okanye imfunxa xa lukhutshwa. Kuthiwa ukungakwazi ukusebenzisa ilungu elithile lomzimba nokuba nezihlunu eziqinileyo kudla ngokubangelwa ziingxaki ezibakho xa lubelekwa usana - phakathi kwazo ikukubelekwa iingekafiki ixesha okanye lubulekwa ngokukhawuleza okukhulu.
Abanye abazali abazisi zivavanywe ukuba zikhula kakuhle na iintsana zabo nangona bebona ukuba zikho izinto ezingahambi kakuhle okanye basuka bazixelele ukuba yonke into ihamba kakuhle. Musa ukuhlala ungaiusi usana lwakho kuvavanyo. Ngugqirha wabantwana nomongikazi waseklinikhi kuphela abanokubona ukuba lukhula ngokufanelekileyo na
yaye ngokuluvavanya
Iuseluncinane Iwakuba sethubeni elihle lokunyangeka. 





Usana lusenokufuna uncedo xa:
Kude kwapheiu iinyanga ezintathu
Iungukwazi ukuphakaniisa intioko; lungufuni ukulaliswa ngesisu; luyijikiselu kwi(ala elinye kuphelu intloko yalo;
*	lugqiba iinyanga ezisixhenxe lungakwazi ukuquguka lulale ngomqolo xa ubululalise ngesisu nokuquguka lukle ngesisu xo ubululalise ngomqolo;
*	lungazidlalisi izandla zalo;
*	Iungazami ukubamba izinto

ezikufufshane nalo;
*	sele lugqibe unyaka lungagaqi;
*	lungazami ukusukuma;
*
lungakwazi ukuhlala
Iungasekelwanga;
*	lungakwazi ukuma imizuzwanu embalwa lungabumbelelungu.



